Rhapsody Global Club ( Mandate 1B ROR Influences )
Rhapsody Global Club ( Mandate 1B ROR Influences )
March 1, 2025 at 05:02 PM
Rhapsody Xhosa Sun Mar 02 2025 YAZI NGAKUMBI UKUBA UKRISTU UNGAPHAKATHI KUWE ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, (sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso (UYohane 1:14). ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, (sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso (UYohane 1:14). Xa sisithi umntu ngumKristu sibhekisa kulowo uKristu ahleli kuye, ingxaki ke yinto yokuba abakho baninzi abaziyo ukuba uKristu uyintoni okanye ngubani uKristu. Lithetha ukuthini eli gama lithi Kristu? UKristu ligama lesiHebhere elithi Mesiya, uMesiya uthetha lowo uthanjisiweyo. Kwi Testamente Endala, kwakusithiwa nguMesiya, kwiTestamente Entsha, kuthiwa nguKristu, kodwa omabini la magama abhekisa emntwini omnye. Lo amaYuda amazi ngokuba nguMesiya yena umprofethi uDaniyeli umbiza ngokuba ngu “Nyana woMntu.” Xa uYesu wazibiza ngokuba ngu “Nyana woMntu” oyaku “phakanyiswa,” okuthetha ukubethelelwa, amaYuda ambuza, esithi, “Ngubani lo Nyana woMntu?” Babecinga ukuba uKristu uyakuphila ngonaphakade. IBhayibhile ithi ku Yohane 12:23, 32-34: “…Wabaphendula ke uYesu, esithi, Lifikile ilixa, lokuba uNyana woMntu azukiswe… Mna ke, ukuba ndithe ndaphakanyiswa emhlabeni, ndiya kubatsalela bonke kum. Wayesitsho ke, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako. Samphendula isihlwele sathi, Thina sivile emthethweni ukuba uKristu yena uhlala ngonaphakade: utsho ngani na wena ukuthi, UNyana womntu umelwe kukuthi aphakanyiswe? Ungubani na lo Nyana woMntu?” UYesu wayebhekisa kwisiprofetho sika Daniyeli kwaye sasibangqinela. Eligama lithi uNyana woMntu lichaza uNyana kaThixo. Ukuthi Nyana kaThixo akuthethi kuthi “lowo uzelwe nguThixo”; kodwa kuthetha ukuthi, uThixo esenyameni. Yiyo le nto wathi uYesu akuthi unguNyana kaThixo, IINKOKHELI zamaYuda zamtyhola ngokuba uyonyelisa. Zathi, “...Asikuxulubeli msebenzi mhle; sikuxuluba ngokuba unyelisa; nangokuba wena usithi, ungumntu nje, usuke uzenze uThixo” (UYohane 10:33). Zaziqonda ukuba uMesiya, nguThixo eziveza esenyameni, wabe uYesu esithi uNguye. Xa usithi uYesu unguKristu, uthetha ukuthi uYesu unguThixo esenyameni. Nantso ke into awabethelelelwa yona. Ungaze uyilibale. Kwesinye isihlandlo, njengokuba UMarko 14:61-64 esixelela, ukuba umbingeleli omkhulu wamngqala wambuza, “Unguye na uKristu?” Waphendula uYesu evuma, umbingeleli omkhulu wazikrazula iingubo zakhe, wabhengeza ukuba uyanyelisa. Eso sibhengezo sakhokhelela ekubeni uYesu agwetyelwe ukufa. Kodwa waye enyanisile uYesu. Waye enguye ngokwenene uKristu. UMesiya okanye uKristu nguThixo esenyameni. Xa usamkela uKristu, ubomi Bakhe bobuThixo buthatha indawo yobomi bakho bobuntu buziveze kuwe. Ubengumntu onguKristu-ngaphakathi kwam. KwabaseKolose 1:27 uthi, “…UKristu phakathi kwenu, ithemba lozuko.” Olu luzuko ngoyena ndoqo wobuKristu—uKristu phakathi kwenu! Yiya uyiqonda ngakumbi le nyaniso namhlanje, ngaphezulu kunangaphambili. Prayer / Confession Bawo othandekayo, enkosi ngesi sityhilelo sokuba ungubani uKristu—uThixo ebonakaliswa esenyameni. Ndivakalisa ukuba uKristu uhlala kum, kwaye ubomi Bakhe bobuThixo bubonakaliswa kuzo zonke inkalo zobomi bam.Ndihamba ngolwazi lwale nyaniso, ndizalisekisa iinjongo zakho kwaye ndibonakalisa uzuko lwakho kwihlabathi, ngeGama likaYesu. Amen. Further study KwabaseKolose 1:26-27; UYohane 1:14 NIV; EyokuQala kuTimoti 3:16 1-year bible reading plan UMarko 9:33-50 & INumeri 9-10 2-year bible reading plan UMateyu 19:13-22 & IEksodus 11 WhatsApp Chanel for rhapsody Translation : https://whatsapp.com/channel/0029Va9SJ9OHFxP0Xh4KCN3F

Comments