Mbhashe Local Municipality
Mbhashe Local Municipality
February 26, 2025 at 02:44 PM
Namhlanje, umaspala wase-Mbhashe ubambe ucweyo lokuxhobisa oosomashishini abasakhasayo abohlukeneyo abangqonge lomaspala nabanezakhono ezahlukeneyo zokushishina. Lo msitho uzinyaswe ngamasebe ohlukeneyo naquka iSebe loPhuhliso lwezoQoqosho, iMicimbi yokusiNgqongileyo kunye noKhenketho (DEDEAT), umaspala wesithili Amathole, i-Arhente yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci kunye nezeMali (SEDFA), iSebe lophuhliso loluntu (DSD) nabanye abathabathi nxaxheba. Umaspala ufuna ukuqaqambisa nangakumbi imisebenzi yabo baphila nenkubazeko ukuze baqale awabo amashishini kwaye bafumane nenkxaso mali yokwenza oko. Injongo zalenkqubo kukuvula amathuba engqesho kwaye kungokunje kulindeleke ukuba lomaspala ufumane amanina angamashumi amabini ubuninzi nazakuxhamla kwinkqubo yenzululwazi nobuchwephesha ukuze bafumane ulwazi oluphangaleleyo. #mbhasheatwork #leavenoonebehind

Comments