
Rhapsody Global Club ( Mandate 1B ROR Influences )
June 13, 2025 at 06:54 PM
Rhapsody Xhosa
Sat Jun 14 2025
AMANDLA OMBONO NEENGCINGA
Ke kaloku uYakobi wathabatha iintonga zompopulari omhlophe ezimanzi, nezomamangile, nezompleyini, wachuba iindawo ezimhlophe kuzo, exwebula buvele ubumhlophe obusezintongeni ezo… (IGenesis 30:37).
I bali likaYakobi kwiGenesis isahluko 30 nesi 31 libonisa ngendlela emangalisayo amandla ombono nomfanekiso ngqondweni. Xa uYakobi wayevuma ukusebenzela uLaban wathenjiswa iinkomo njengomvuzo wakhe.Kodwa uLaban wayetshintsha izivumelwano rhoqo, emkhohlisa. Noko kunjalo, uYakobi wasebenzisa ubulumko obuvela kuThixo kunye nesicwangciso sobuchule, wajika imeko.
UYakobi wathabatha imithi ye-popula, umnga, kunye nemithi yom-Oki, wayithethela, wenza ukuba kubonakale imigca emhlophe. Le mithi wayibeka emathunjini apho inkomo ziya kusela khona.Xa iinkomo pì kwixesha lokuhlangana zibe ziphambi kwemithi leyo, zavelisa abantwana ababenemibala efana naleyo imithi ibonisa ngayo. Emva kwexesha akasayifuni lemithi. Wahlula izilwanyana eziselula, ezinamabala kwakunye nezimflekekile, wazibeka ngaphambi kwezilwanyana ezinamadla. Ngale ndlela, wakhuthaza umbono osengqondweni kwizilwanyana, zazala njengoko zazibona.
Le Ndlela kaYakobi yayibonisa amandla obuchule bokusebenzisa umbono. Wasebenzisa amandla wakhe eengcinga ukuze achaphazele iziphumo. Xa izilwanyana ezinamandla zikhulelwa, wabeka iintonga ezo phambi kwamehlo azo ukuqinisekisa ukuba zizala abantwana abanje ngombono wakhe nqo. Kodwa xa kwakukhulelwa ezibuthathaka, akazange azibeke ezi ntonga ukuze amathole azo eze kuLabhan.
Ekuhambeni kwexesha, uYakobi wayengasadingi kubeka zintonga, wohlula amathole amibalabala wawabeka phambi kweenkomo ezomeleleyo. Ngokwenza oku wayehlohla lo mbono kumhlambi wakhe. Zaze iinkomo ezo zazala ngokombono ophambi kwazo. Ethubeni imihlambi kaYakobi yanda, yomelela, kwathi ekaLabhan yasala ibuthathaka.Impumelelo kaYakobi yayivela kwisityhilelo sikaThixo. Ephupheni, wabona iimpongo zitsibela kwinkomo ezinamabala eyahlukeneyo zinemigca, amabala, kwaye zimflekekile. INgelosi yawungqina lo mbono ithi, “Khawuphakamise amehlo akho, ubone;zonke iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokoshe ;kuba ndizibonile zonke izinto azenzayo uLabhan kuwe…" (IGenesis 31:12).
Kubaluleke kangakanani oku! Unamandla okwakha Ikamva lakho ngokugxila kwinto ofuna ukuyibona. Yakha umbono wakho ngengqondo yakho. NgeliLizwi nangaMandla oMoya oyiNgcwele asebenzayo kuwe, unako ukudala okanye ukukhetha elubala isimo sobomi bakho. Haleluya!
Prayer / Confession
Bawo othandekayo, ndiyabulela ngokundinika amandla okubona nokwakha ikamva endililangazelelayo ngamandla ombono nelizwi lakho. Njengoko ndisebenzisa isakhono sam sokucinga, ndiphefumlelwe nguMoya wakho, ndakha ubomi bam ngokungqamene nenjongo yakho engcwele, ndisoyisa ndisanda kuzo zonke iinkalo. Ndixhotyiswe ukuze ndiphembelele ihlabathi lam ndize ndizalisekise isiphelo sam, ngeGama likaYesu.Amen.
Further study
IGenesis 13:14-17; Uhabhakuki 2:2; Kwabase-Efese 3:20
1-year bible reading plan
IZenzo 4:32-5:1-11 & EyesiBini YeziKronike 20-22
2-year bible reading plan
ULuka 1:39-56 & IDuteronomi 12
WhatsApp Chanel for rhapsody Translation :
https://whatsapp.com/channel/0029Va9SJ9OHFxP0Xh4KCN3F