
Mbhashe Local Municipality
June 18, 2025 at 02:28 PM
Iziko lethala lencwadi eliphantsi komasipala waseMbhashe libambisene nequmrhu labantu abadala (Older Persons Forum) namhlanje libambe usuku lwemidlalo yehlabathi ebizwa ngokuba yi-World Play Day.
Olusuku obelubanjelwe eBolotwa Adult lujongene ncakasana nabantwana kunye nabantu abadala ngenjongo yokubakhuthaza ukuba bahlale edlamkileyo ngokwesempilweni, emzimbeni kunye nasengqoweni.
Lemidlalo iquka ibhola ekhatywayo, ugqatso lwekhowuni, ugqatso lwamaqanda, kunye nokuphosa ibhola.
Ngokubandakanya abantu abadala kwimibhiyozo yoSuku lweHlabathi loMdlalo, kukhuthazwa unxibelelwano lwentlalo, kunye nokuzibandakanya noluntu.
U-Potifoliyo oyintloko kwicandelo leNkonzo Zoluntu kamasipala, uCeba Nolundi Gxamntwana ngexesha enikeza ngamazwi wakhe wombulelo uthe
"Eyona njongo yenziwa ngumasipala kukubonakalisa ukuba uyanithanda bantu abadala, nilixabiso lombhashe, sifuna nilibale ngezinto eziniphatha kakubi" utshilo uGxamntwana.
ISebe Lophuhliso Loluntu, ooceba, abahlali bebeyinxalenye yalemidlalo.
